Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 5:12-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo,

13. nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ninoxolo phakathi kwenu.

14. Siyanivuselela ke, bazalwana, balulekeni abanxaxhayo; bakhuzeni abamxhelo mncinane; basekeleni abathambileyo; yibani nokuzeka kade umsindo kubantu bonke.

15. Lumkani, kungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi nakubani; hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye, nakubantu bonke.

16. Hlalani nivuya.

17. Thandazani ningayeki.

18. Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.

19. UMoya musani ukumcima.

20. Iziprofeto musani ukuzenza into engento.

21. Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle.

22. Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo.

23. Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu.

24. Uthembekile onibizayo, oya kukwenza nokukwenza oko.

25. Bazalwana, sithandazeleni.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 5