Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 9:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Okwam ukuziphendulela kwabandincinayo kuko oku.

4. Asinagunya na lokudla nokusela?

5. Asinagunya na, njengabanye abapostile, nabazalwana beNkosi, noKefas, ukuba siphelekwe ngabafazi bethu bengamakholwa?

6. Síthi sedwa noBharnabhas lo na, abangenagunya lokuba bangàsebenzi?

7. Ngubani na okha aphume umkhosi ngeyakhe indleko? Ngubani na otyala isidiliya, aze angadli siqhamo saso? Khona ngubani na owalúsa umhlambi, aze angawadli amasi omhlambi lowo?

8. Ndizithetha ngokomntu yini na ezo zinto? Awuthethi kwaezo zinto nawo na umthetho?

9. Emthethweni kaMoses kubhaliwe kwathiwa, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula. Ziinkomo yini na into ayikhathaleleyo uThixo?

10. Kanene akatsho ngenxa yethu na? Kakade kwabhalwa ngenxa yethu; ngokuba lowo ulimayo ufanele ukulima ethembile; lowo ubhulayo ufanele ukubhula enethemba lokuyaba loo nto athembe yona.

11. Ukuba ke thina sanihlwayelela izinto ezizezoMoya, yinto enkulu na, ukuba siya kuvuna izinto zenu ezizezenyama?

12. Ukuba abanye babelana ngokwenza ngeli gunya kuni, asikukhona singénjenjalo na thina ngakumbi? Asilisebenzisanga ke elo gunya; sisuka sithwale izinto zonke, ukuze singazibambezeli nganí iindaba ezilungileyo zikaKristu.

13. Anazi na ukuba abo bazisebenzayo izinto ezingcwele badla okwetempile, abo bahlala behleli esibingelelweni bahlulelana nesibingelelo eso?

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 9