Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 7:33-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Ozekileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angáthini na ukumkholisa umkakhe.

34. Umfazi nentombi akufani. Ongendileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuze abe ngcwele ngomzimba nangomoya; owendileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angáthini na ukuyikholisa indoda yakhe.

35. Oku ke ndikuthetha ndisingisele kokunilungeleyo, ndingenzeli kunirhintyela; ndikuthethela ukuba nizibeke, nihlale nihleli kakuhle eNkosini, ningakruthakrutheki.

36. Kodwa ke ukuba umntu uba uhlaza intombi yakhe, xa ithe yegqitha entlahleni yayo, emelwe kukwenjenjalo, makenze akuthandayo; akoni; makuzekwe.

37. Noko ke omiyo eqinile entliziyweni, engaxakwe nto, enegunya ke lokwenza ngokuthanda kwakhe, kananjalo egqibile entliziyweni yakhe kwelokuba ayigcine intombi yakhe, uyatyapha ukwenjenjalo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 7