Noko ke omiyo eqinile entliziyweni, engaxakwe nto, enegunya ke lokwenza ngokuthanda kwakhe, kananjalo egqibile entliziyweni yakhe kwelokuba ayigcine intombi yakhe, uyatyapha ukwenjenjalo.