Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 7:22-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ukuba lowo wabizwayo waba seNkosini elikhoboka, ungumkhululwa weNkosi; ngokunjalo nalowo wabizwayo engokhululekileyo, ulikhoboka likaKristu.

23. Nathengwa ngexabiso; musani ukuba ngamakhoboka abantu.

24. Bazalwana, elowo ekubizweni awabizwa ekuko, makahlale kuko ekuThixo.

25. Ke kaloku, ngazo iintombi andinammiselo weNkosi; ndibona oku mna, njengowenzelwe inceba yiNkosi ukuba athembeke.

26. Ndiba ngoko, kulungile oku ngenxa yengxakeko engeneyo, kulungile emntwini ukuthi aselehlala njengoko anjalo.

27. Ùbotshelelwe na emfazini? Musa ukufuna ukukhululwa kuye. Ukhululekile na emfazini? Musa ukufuna umfazi.

28. Kodwa ke ukuba uthe wazeka, akonanga; nokuba intombi ithe yenda, ayonanga. Ke abanjalo boba nembandezelo enyameni. Ke mna, ngokwenjenje, ndiconga nina.

29. Nditsho ke, bazalwana, ukuthi, ixesha lifinyele, ukuze kwelisaseleyo bathi nabo banabafazi, babe njengabangenabo;

30. bathi abalilayo, babe njengabangaliliyo; bathi abavuyayo, babe njengabangavuyiyo; bathi abathengayo, babe njengabangenanto;

31. bathi abasebenzayo ngeli hlabathi, babe njengabangalixhamliyo; kuba ukumila kweli hlabathi kuyadlula.

32. Ndithanda ukuba ningabi naxhala. Ongazekileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuba angáthini na ukuyikholisa iNkosi.

33. Ozekileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angáthini na ukumkholisa umkakhe.

34. Umfazi nentombi akufani. Ongendileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuze abe ngcwele ngomzimba nangomoya; owendileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angáthini na ukuyikholisa indoda yakhe.

35. Oku ke ndikuthetha ndisingisele kokunilungeleyo, ndingenzeli kunirhintyela; ndikuthethela ukuba nizibeke, nihlale nihleli kakuhle eNkosini, ningakruthakrutheki.

36. Kodwa ke ukuba umntu uba uhlaza intombi yakhe, xa ithe yegqitha entlahleni yayo, emelwe kukwenjenjalo, makenze akuthandayo; akoni; makuzekwe.

37. Noko ke omiyo eqinile entliziyweni, engaxakwe nto, enegunya ke lokwenza ngokuthanda kwakhe, kananjalo egqibile entliziyweni yakhe kwelokuba ayigcine intombi yakhe, uyatyapha ukwenjenjalo.

38. Ngoko ke lowo wendisayo uyatyapha, kodwa ke lowo ungendisiyo nguyena ukholisayo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 7