Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 3:13-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. umsebenzi walowo nalowo wobonakalaliswa; kuba loo mini iya kuwazísa, ngokuba iya kuvela inomlilo; nomsebenzi walowo nalowo, umlilo uya kuwucikida ubunjani bawo.

14. Ukuba umsebenzi awawakhayo umntu phezu kwalo, uthe wahlala uhleli, wowamkela umvuzo.

15. Ukuba umsebenzi womntu uthe watshiswa, wolahlekelwa ngumvuzo wakhe; ke yena okwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni.

16. Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu?

17. Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke.

18. Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba umntu uba usisilumko phakathi kwenu kweli phakade, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko.

19. Kuba ubulumko beli hlabathi bubudenge kuye uThixo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Yena uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo;

20. kwathiwa kananjalo, INkosi iyazazi izicamango zezilumko, ukuba azinto.

21. Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngabantu: kuba izinto zonke zezenu;

22. nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguKefas, nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezingeneyo, nokuba zezizayo: zonke zezenu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 3