Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 11:19-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Kuba kumele ukuba kubekho nezahlukano phakathi kwenu, ukuze abacikidekileyo babonakale phakathi kwenu.

20. Xenikweni ngoko nithe nahlangana ndawonye, asikuko ukuba nídle isidlo seNkosi;

21. kuba ekudleni kwenu elowo udla okwakhe ukudla; uqala adle, bengekafiki abanye, aze omnye alambe, omnye anxile.

22. Kanene aninazindlu na zokudlela nokusela? Okanye nidela ibandla likaThixo na, nibadanisa nje abangenanto? Ndíthini na kuni? Ndínidumise na kule nto? Andinidumisi.

23. Kuba mna ndakwamkela kuyo iNkosi oko ndikunikeleyo nokukunikela kuni: Okokuba iNkosi uYesu, ngobusuku eyanikelwa ngabo, yathabatha isonka;

24. yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, ndile, ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula.

25. Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emva kokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam; ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula.

26. Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.

27. Ngoko ke, osukuba esidla eso sonka, ayisele indebe yeNkosi, ngokungafanelekileyo, woba netyala lomzimba negazi leNkosi.

28. Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, asele kwindebe leyo;

29. kuba lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi.

30. Ngenxa yoku baninzi phakathi kwenu abaswele amandla, nabayimilwelwe, banelè nabalele ukufa.

31. Kuba xa besizicalula, ngesiba asigwetywa.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 11