Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 5:11-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe.

12. Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi.

13. Ndinibhalele ezi zinto, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade, nokuze nikholwe kwigama loNyana kaThixo.

14. Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva.

15. Ukuba siyazi okokuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye.

16. Ukuba umntu uthe wambona umzalwana wakhe esona isono esingasingisi kufeni, wocela, uThixo amnike ubomi, enika abo bonayo ngokungasingisi kufeni. Kukho sona sisingisa ekufeni; anditsho ukuthi makacelele sona.

17. Konke ukungalungisi sisono; kukho sono singasingisi khona ekufeni.

18. Siyazi ukuba bonke abazelwe nguThixo àboni; usuke athi lowo wazalwayo nguThixo azigcine, aze ongendawo angamchukumisi.

19. Siyazi ukuba singabakaThixo, nokuba ihlabathi liphela lilele kongendawo.

20. Ke siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile, wasinika ingqondo, ukuze simazi oyinyaniso. Sikuye ke oyinyaniso, kuye uNyana wakhe uYesu Kristu. Nguye lo uThixo oyinyaniso, nobomi obungunaphakade.

21. Bantwanana, zigcineni kuzo izithixo. Amen.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 5