Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 5:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bonke abakholwayo ukuba uYesu unguye uKristu, bazelwe nguThixo; bonke abamthandayo lowo wazalayo, bayamthanda nalowo uzelweyo nguye.

2. Sazi ngale nto ukuba siyabathanda abantwana bakaThixo, xa sukuba simthanda uThixo, siyigcina imithetho yakhe.

3. Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe.

4. Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu.

5. Ngubani na lowo uleyisayo ihlabathi, ingenguye okholwayo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo?

6. Lowo nguló wezayo ngamanzi negazi, uYesu Kristu; engenawo amanzi odwa, enawo amanzi, enalo igazi. UMoya ke unguló ungqinayo, ngokuba uMoya uyiyo inyaniso.

7. Ngokuba bathathu abo bangqinayo [emazulwini: uYise, noLizwi, noMoya oyiNgcwele; abo bathathu banye.

8. Bathathu abo bangqinayo emhlabeni]: uMoya, namanzi, negazi; aba bathathu basingise ntweni-nye.

9. Ukuba ubungqina babantu siyabamkela, ubungqina bukaThixo bungaphezulu; ngokuba bubo obu ubungqina bukaThixo, angqinele uNyana wakhe ngabo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 5