Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 9:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. IAshkelon iya kukubona, yoyike; neGaza iya kukubona, ithuthumele kakhulu; kwane-Ekron, kuba inqolonci yayo iya kudaniswa, adake ukumkani, angabikho eGaza, neAshkelon ingemiwa.

6. Kuya kuhlala imigqakhwe eAshdode, ndinqumle iqhayiya lamaFilisti.

7. Ndolisusa igazi lemibingelelo yawo emlonyeni wawo, nezinto zawo ezinezothe emazinyweni awo; kwanawo aya kusalela uThixo wethu, abe njengenkosana kwaYuda, ne-Ekron ibe njengomYebhusi.

8. Ndoyinqabisa indlu yam kumkhosi, kodlulayo nakobuyayo, kungabi sacanda mkhandanisi kubo; ngokuba ngoku ndibonile ngamehlo am.

9. Gcoba kunene, ntombi inguZiyon; duma, ntombi inguYerusalem; yabona, uKumkani wakho uza kuwe, elilùngisa, enosindiso, enentobeko, ekhwele e-esileni, exhamxweni, etholeni lemazi yeesile.

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 9