Ndolisusa igazi lemibingelelo yawo emlonyeni wawo, nezinto zawo ezinezothe emazinyweni awo; kwanawo aya kusalela uThixo wethu, abe njengenkosana kwaYuda, ne-Ekron ibe njengomYebhusi.