Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 9:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Isihlabo selizwi likaYehova esisingisele elizweni laseHadraki; yiDamasko indawo yokuphumla kwaso; ngokuba uYehova usingise iliso ebantwini, nasezizweni zonke zakwaSirayeli;

2. kwaneHamati ehlangene nayo ngomda; iTire neTsidon, nakuba zilumkile kakhulu.

3. ITire yazakhela inqaba, yafumba isilivere njengothuli, negolide njengodaka lwezitrato.

4. Yabona, iNkosi iya kuyihlutha, ibubethe ubuhandiba bayo elwandle, yona itshiswe ngumlilo.

5. IAshkelon iya kukubona, yoyike; neGaza iya kukubona, ithuthumele kakhulu; kwane-Ekron, kuba inqolonci yayo iya kudaniswa, adake ukumkani, angabikho eGaza, neAshkelon ingemiwa.

6. Kuya kuhlala imigqakhwe eAshdode, ndinqumle iqhayiya lamaFilisti.

7. Ndolisusa igazi lemibingelelo yawo emlonyeni wawo, nezinto zawo ezinezothe emazinyweni awo; kwanawo aya kusalela uThixo wethu, abe njengenkosana kwaYuda, ne-Ekron ibe njengomYebhusi.

8. Ndoyinqabisa indlu yam kumkhosi, kodlulayo nakobuyayo, kungabi sacanda mkhandanisi kubo; ngokuba ngoku ndibonile ngamehlo am.

9. Gcoba kunene, ntombi inguZiyon; duma, ntombi inguYerusalem; yabona, uKumkani wakho uza kuwe, elilùngisa, enosindiso, enentobeko, ekhwele e-esileni, exhamxweni, etholeni lemazi yeesile.

10. Ndozinqumla iinqwelo zokulwa kwaEfrayim namahashe eYerusalem, sinqunyulwe isaphetha sokulwa; athethe uxolo kwiintlanga; ulawulo lwakhe luthabathele elwandle luse elwandle, luthabathele kuwo uMlambo* luse eziphelweni zehlabathi.

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 9