Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 7:11-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Abavumanga ke ukubaza indlebe; balirhola igxalaba elinjubaqa, bazithi nkqi iindlebe zabo, àbeva.

12. Intliziyo yabo báyenza idayiman,* ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi.

13. Kuya kuthi ke, njengoko ebememeza bengeva, benjenjalo ukumemeza, utsho uYehova wemikhosi, ndingevi.

14. Ndiya kubachithachithela ezintlangeni zonke ababengazazi; kube senkangala elizweni emva kwabo, kungacandi mntu, kungabuyi mntu; balenze ke ilizwe elinqwenelekayo kube senkangala kulo.

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 7