kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umbuzo ngozilo

1. Kwathi ngomnyaka wesiné kaDariyo ukumkani, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya ngosuku lwesiné lwenyanga yesithoba, enguKisilevu.

2. IBheteli ke yathuma ooSharetsere noRegem-meleki nabantu bakhe, ukuba bambongoze uYehova,

3. bathèthe kubabingeleli ababesendlwini kaYehova wemikhosi, nakubaprofeti, bathi, Ndilíle na, ndizíle na ngenyanga yesihlanu, njengoko ndisendenzé ngako le minyaka ingaka?

4. Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,

5. Thetha kubantu bonke belizwe eli, nakubabingeleli, uthi, Oko benizila ukudla, nilila, ngenyanga yesihlanu nangeyesixhenxe, iminyaka ke engamashumi asixhenxe, ukuzila oko benizilela mna na?

6. Xa benisidla naxa benisela, bekungàdli nina na, bekungàseli nina na?

7. Beningàfanele kuwenza yini na amazwi, abewamemeza uYehova ngabaprofeti bamandulo, oko ibimiwe ichulumachile iYerusalem, kwanemizi yayo engeenxa zonke kuyo, naoko belimiwe elasezantsi nelasesithabazi?

Ukuthinjwa kusisiphumo sentswelantobeko

8. Kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya, lisithi,

9. Utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Gwebani ngesigwebo senyaniso, nenze inceba nemfesane elowo kumzalwana wakhe.

10. Musani ukubacudisa abahlolokazi, neenkedama, nabasemzini, namahlwempu; musani ukucinga bubi entliziyweni yenu ngendoda engumzalwana wenu.

11. Abavumanga ke ukubaza indlebe; balirhola igxalaba elinjubaqa, bazithi nkqi iindlebe zabo, àbeva.

12. Intliziyo yabo báyenza idayiman,* ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi.

13. Kuya kuthi ke, njengoko ebememeza bengeva, benjenjalo ukumemeza, utsho uYehova wemikhosi, ndingevi.

14. Ndiya kubachithachithela ezintlangeni zonke ababengazazi; kube senkangala elizweni emva kwabo, kungacandi mntu, kungabuyi mntu; balenze ke ilizwe elinqwenelekayo kube senkangala kulo.