Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 5:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nantso incwadi esongwayo, iphaphazela.

2. Sathi kum, Ùbona ntoni na? Ndathi, Ndibona incwadi esongwayo iphaphazela; ubude bayo buziikubhite* ezimashumi mabini, nobubanzi bayo buziikubhite ezishuminye.

3. Sathi kum, Eso ke sisishwabulo esiphuma sihambe phezu kwelizwe lonke; ngokuba bonke abebàyo baya kutshayelwa apha ngokokwayo; bonke abafungàyo baya kutshayelwa ngaphaya ngokokwayo.

4. Ndisikhuphile, utsho uYehova wemikhosi; siya kungena endlwini yesela, nasendlwini yolifungayo ngobuxoki igama lam, silalise endlwini yakhe, siyigqibe nemithi yayo namatye ayo.

5. Saphuma isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Khawuwaphakamise amehlo akho, ukhangele ukuba iyintoni na leyo iphumayo.

6. Ndathi ke, Yintoni na? Sathi, Yiefa* leya iphumayo. Sathi, Yimbonakalo yabo leya ezweni lonke.

7. Nanko, kuphakama isiciko selothe, kuhleli umfazi phakathi kwe-efa.

8. Sathi, NguNgendawo lowo; samphosa phakathi kwe-efa, saliphosa ilitye lelothe emlonyeni wayo.

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 5