Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoweli 1:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi likaYehova elafika kuYoweli, unyana kaPetuweli.

2. Yivani oku, nina madoda makhulu, nibeke iindlebe, nonke bemi belizwe; kwakha kwakho na oku ngemihla yenu, nangemihla yooyihlo?

3. Kuxeleni koonyana benu, oonyana benu bakuxele koonyana babo, oonyana babo bakuxele kwisizukulwana esisemva kwabo.

4. Okushiywe ngumqikela kudliwé yinkumbi, okushiywe yinkumbi kudliwe ngumkhothululi, okushiywe ngumkhothululi kudliwé ngumnqunquthi.

5. Vukani, manxila, nilile; bhombolozani, nonke baseli bewayini, ngenxa yencindi yewayini; kuba inqunyulwe emlonyeni wenu.

6. Kuba ezweni lakowethu kunyuké uhlanga olunamandla, olungenakubalwa; amazinyo alo ngamazinyo engonyama, nawemihlathi alo ngawengonyamakazi.

funda isahluko epheleleyo Uyoweli 1