Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 8:30-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Waza uYoshuwa wamakhela uYehova uThixo kaSirayeli isibingelelo entabeni ye-Ebhali, njengoko uMoses,

31. umkhonzi kaYehova, wabawiselayo oonyana bakaSirayeli umthetho, njengoko kubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses: isibingelelo samatye awonke esingasetyenzwanga ngantsimbi. Banyusa phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova, babingelela imibingelelo yoxolo.

32. Wabhala khona ematyeni, wawuphinda ukuwubhala umyalelo kaMoses, awawubhalayo phambi koonyana bakaSirayeli.

33. Onke amaSirayeli, namadoda awo amakhulu, nababhali, nabagwebi bawo, ema ngapha nangapha kwetyeya, phambi kwababingeleli abangabaLevi, abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova, owasemzini enjengozalwayo; esinye isiqingatha sabo simalunga nentaba yeGerizim, esinye isiqingatha sabo simalunga nentaba ye-Ebhali; njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wawisayo umthetho ngenxa engaphambili, ukuba basikelelwe abantu bakwaSirayeli.

34. Emveni koko wawalesa onke amazwi omyalelo, iintsikelelo neziqalekiso, ngako konke okubhaliweyo encwadini yomyalelo.

35. Akwabakho nalinye ilizwi kuwo onke amazwi abewise uMoses umthetho ngawo, angalilesanga uYoshuwa phambi kwebandla lonke lamaSirayeli, nabafazi, nabantwana, nowasemzini ohamba phakathi kwawo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 8