Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 7:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku oonyana bakaSirayeli benza ubumenemene entweni esingelwe phantsi. UAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda, wathabatha entweni esingelwe phantsi. Wavutha ke umsindo kaYehova konyana bakaSirayeli.

2. UYoshuwa wasusa amadoda eYeriko ukuba aye eAyi, engaseBhetaven, ngasempumalanga eBheteli, wathi kuwo, Nyukani nilihlole ilizwe. Anyuka ke amadoda lawo, ayihlola iAyi.

3. Abuyela kuYoshuwa, athi kuye, Mabangenyuki bonke abantu; makunyuke amadoda amayela kumawaka amabini, nokuba ngamadoda amayela kumawaka amathathu, ayichithe iAyi. Musa ukubadinisa bonke abantu ngokubása khona; kuba abaa bantu bambalwa.

4. Kwenyuka ke kwaya khona kubantu amadoda amayela kumawaka amathathu; esuka asaba phambi kwamadoda aseAyi.

5. Amadoda aseAyi abulala kuwo amadoda amayela kumashumi amathathu anamathandathu, awasukela phambi kwesango, kwesa eShebharim, awabulala ethambekeni. Yanyibilika intliziyo yabantu, yaba ngamanzi.

6. Wazikrazula ke uYoshuwa iingubo zakhe, wawa ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova kwada kwahlwa, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli, bagalela uthuli phezu kweentloko.

7. Wathi uYoshuwa, Awu, Nkosi, Yehova, yini na ukuba aba bantu ubaweze iYordan, usinikele esandleni sama-Amori ukuba asibhubhise? Akwaba kanye bekukholekile kuthi ukuhlala phesheya kweYordan!

8. Camagu, Nkosi yam, ndiya kuthini na emveni kokuba amaSirayeli ezinikele ikhosi iintshaba zawo!

9. Aya kuva amaKanan, nabemi bonke belizwe, asirhawule, alicime igama lethu ehlabathini. Wénze ntoni na ke kwigama lakho elikhulu?

10. Wathi uYehova kuYoshuwa, Vuka! Ùweleni na ngobuso?

11. Onile amaSirayeli; ewe, awugqithile umnqophiso wam endawawisela umthetho ngawo; ewe, athabathile entweni esingelwe phantsi; ebile, akhanyele, ewe, ayibeké ezimpahleni zawo.

12. Ababa nako ke oonyana bakaSirayeli ukuma phambi kweentshaba zabo, bazinikela ikhosi iintshaba zabo, ngokuba bebeyinto esingelwe phantsi. Andiyi kuphinda ndibe nani, ukuba ayithanga itshatyalaliswe into esingelwe phantsi phakathi kwenu.

13. Vuka, ubangcwalise abantu, uthi, Zingcwaliseleni ingomso; ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kukho nto isingelwe phantsi phakathi kwakho, Sirayeli; akunako ukuma phambi kweentshaba zakho, nide niyisuse into esingelwe phantsi phakathi kwenu.

14. Ize nisondele kusasa ngokwezizwe zenu, isizwe athe wacisha sona uYehova sisondele ngokwezindlu zaso; indlu athe wacisha yona uYehova isondele ngokwamadoda ayo;

15. ithi leyo kucishwe yona inento esingelwe phantsi, itshiswe ngomlilo, nezinto zonke enazo; ngokuba iwugqithile umnqophiso kaYehova, nangokuba yenzé ubudenge kwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 7