Ke kaloku oonyana bakaSirayeli benza ubumenemene entweni esingelwe phantsi. UAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda, wathabatha entweni esingelwe phantsi. Wavutha ke umsindo kaYehova konyana bakaSirayeli.