Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 4:7-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Nòthi kubo, Amanzi eYordan anqamka phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, ekuweleni kwayo eYordan anqamka amanzi eYordan; la matye oba sisikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, kude kuse ephakadeni.

8. Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, njengoko uYoshuwa wayebawisele umthetho. Bathabatha amatye alishumi elinamabini eYordan phakathi, njengoko wathethayo uYehova kuYoshuwa, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaSirayeli, bawela nawo, baya nawo kuloo ndawo balalisa kuyo, bawabeka khona.

9. UYoshuwa wawamisa amatye alishumi elinamabini eYordan phakathi, kuloo ndawo zazimi kuyo iinyawo zababingeleli, abathwele ityeya yomnqophiso; akhona unanamhla.

10. Ke ababingeleli ababethwele ityeya bema eYordan phakathi, ada agqitywa onke amazwi uYehova awamwisela umthetho uYoshuwa ukuba awathethe ebantwini, ngokwento yonke uMoses abemwisele umthetho ngayo uYoshuwa.

11. Bakhawuleza abantu, bawela. Kwathi, bakugqiba bonke abantu ukuwela, yegqitha ityeya kaYehova nababingeleli phambi kwabantu.

12. Bawela oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, bexhobile, phambi koonyana bakaSirayeli, njengoko wathethayo uMoses kubo.

13. Ngathi babengamashumi amané amawaka axhobele ukuphuma umkhosi, abaweláyo phambi koYehova, besiya emfazweni, ezinkqantosini zaseYeriko.

14. Ngaloo mhla uYehova wamenza mkhulu uYoshuwa emehlweni amaSirayeli onke; amoyika njengoko abemoyika uMoses yonke imihla yobomi bakhe.

15. Wathi uYehova kuYoshuwa,

16. Bawisele umthetho ababingeleli abathwele ityeya yesingqino, ukuba benyuke baphume eYordan.

17. UYoshuwa wabawisela ke umthetho ababingeleli, esithi, Nyukani niphume eYordan.

18. Kwathi, ekunyukeni kwababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova phakathi kweYordan, ekuncothukeni kweentende zeenyawo zababingeleli zafika kowomileyo, abuyela endaweni yawo amanzi aseYordan, ahamba njengokwangaphambili, ngaphandle kweendonga zayo zonke.

19. Abantu benyuka baphuma eYordan ngolweshumi enyangeni yokuqala, bamisa eGiligali, ngecala lasempumalanga eYeriko.

20. Ke loo matye alishumi elinamabini, abawathabathayo eYordan, uYoshuwa wawamisa eGiligali.

21. Wathi koonyana bakaSirayeli, Xa bathe oonyana benu babuza kooyise ngexesha elizayo, besithi,

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 4