Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 4:18-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Kwathi, ekunyukeni kwababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova phakathi kweYordan, ekuncothukeni kweentende zeenyawo zababingeleli zafika kowomileyo, abuyela endaweni yawo amanzi aseYordan, ahamba njengokwangaphambili, ngaphandle kweendonga zayo zonke.

19. Abantu benyuka baphuma eYordan ngolweshumi enyangeni yokuqala, bamisa eGiligali, ngecala lasempumalanga eYeriko.

20. Ke loo matye alishumi elinamabini, abawathabathayo eYordan, uYoshuwa wawamisa eGiligali.

21. Wathi koonyana bakaSirayeli, Xa bathe oonyana benu babuza kooyise ngexesha elizayo, besithi,

22. Ayintoni na la matye? nòbazisa oonyana benu, nithi, AmaSirayeli ayiwela le Yordan, ehamba emhlabeni owomileyo;

23. kuba oko uYehova uThixo wenu wenza ukuba atshe amanzi aseYordan phambi kwenu, nada nawela; waxelisa oko uYehova uThixo wenu wakwenzayo kuLwandle oluBomvu,* lona wenza ukuba lutshe phambi kwethu, sada sawela;

24. ukuze zonke izizwe zehlabathi zisazi isandla sikaYehova ukuba somelele; ukuze nimoyike uYehova uThixo wenu imihla yonke.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 4