Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 4:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ke ababingeleli ababethwele ityeya bema eYordan phakathi, ada agqitywa onke amazwi uYehova awamwisela umthetho uYoshuwa ukuba awathethe ebantwini, ngokwento yonke uMoses abemwisele umthetho ngayo uYoshuwa.

11. Bakhawuleza abantu, bawela. Kwathi, bakugqiba bonke abantu ukuwela, yegqitha ityeya kaYehova nababingeleli phambi kwabantu.

12. Bawela oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, bexhobile, phambi koonyana bakaSirayeli, njengoko wathethayo uMoses kubo.

13. Ngathi babengamashumi amané amawaka axhobele ukuphuma umkhosi, abaweláyo phambi koYehova, besiya emfazweni, ezinkqantosini zaseYeriko.

14. Ngaloo mhla uYehova wamenza mkhulu uYoshuwa emehlweni amaSirayeli onke; amoyika njengoko abemoyika uMoses yonke imihla yobomi bakhe.

15. Wathi uYehova kuYoshuwa,

16. Bawisele umthetho ababingeleli abathwele ityeya yesingqino, ukuba benyuke baphume eYordan.

17. UYoshuwa wabawisela ke umthetho ababingeleli, esithi, Nyukani niphume eYordan.

18. Kwathi, ekunyukeni kwababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova phakathi kweYordan, ekuncothukeni kweentende zeenyawo zababingeleli zafika kowomileyo, abuyela endaweni yawo amanzi aseYordan, ahamba njengokwangaphambili, ngaphandle kweendonga zayo zonke.

19. Abantu benyuka baphuma eYordan ngolweshumi enyangeni yokuqala, bamisa eGiligali, ngecala lasempumalanga eYeriko.

20. Ke loo matye alishumi elinamabini, abawathabathayo eYordan, uYoshuwa wawamisa eGiligali.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 4