Kodwa makubekho ithuba phakathi kwenu nayo, elingáthi ngokulinganisa libe ngamawaka amabini eekubhite.* Ize ningasondeli kuyo, ukuze niyazi indlela enohamba ngayo; kuba anihambanga ngale ndlela ngaphambili.