Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 3:2-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kwathi, ekupheleni kwemihla emithathu, bacanda ababhali phakathi kweminquba;

3. babawisela abantu umthetho, besithi, Xa nithe nayibona ityeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, nababingeleli abangabaLevi beyithwele, nonduluka nani endaweni yenu, niyilandele.

4. Kodwa makubekho ithuba phakathi kwenu nayo, elingáthi ngokulinganisa libe ngamawaka amabini eekubhite.* Ize ningasondeli kuyo, ukuze niyazi indlela enohamba ngayo; kuba anihambanga ngale ndlela ngaphambili.

5. Wathi uYoshuwa ebantwini, Zingcwaliseni; ngokuba ngengomso uYehova uya kwenza imisebenzi ebalulekileyo phakathi kwenu.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 3