Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 24:26-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Wawabhala uYoshuwa la mazwi encwadini yomyalelo kaThixo, wathabatha ilitye elikhulu, walimisa khona phantsi komoki* osendaweni engcwele kaYehova.

27. Wathi uYoshuwa kubo bonke abantu, Yabonani, eli litye liya kuba lingqina ngathi; ngokuba liwavile lona onke amazwi kaYehova, awathethileyo nathi; libe lingqina ngani, hleze nimkhanyele uThixo wenu.

28. Wabandulula ke uYoshuwa abantu; elowo waya elifeni lakhe.

29. Kwathi emveni koko, wafa uYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaYehova, eminyaka ilikhulu elinashumi-nye ezelwe.

30. Bamngcwabela emdeni welifa lakhe, eTimnati-sera, kweleentaba lakwaEfrayim, entla kwentaba yaseGahashe.

31. AmaSirayeli amkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalayo kuYoshuwa, abewazi wonke umsebenzi kaYehova abewenzele amaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 24