Wathi uYoshuwa kubo bonke abantu, Yabonani, eli litye liya kuba lingqina ngathi; ngokuba liwavile lona onke amazwi kaYehova, awathethileyo nathi; libe lingqina ngani, hleze nimkhanyele uThixo wenu.