Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 23:10-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. indoda inye kuni isukele iwaka; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilwelayo, njengoko wakuthethayo kuni.

11. Zigcineni kunene ngenxa yemiphefumlo yenu, ukuba nimthande uYehova uThixo wenu.

12. Kuba ukuba nithe nabuya, nabuya nanamathela kumaqongqolo ezi ntlanga ziseleyo, ezi ke zinani, nendiselana nazo, nadibana nazo, zadibana nani:

13. yazini kakuhle ukuba uYehova, uThixo wenu, akayi kuphinda azigqogqe ezi ntlanga phambi kwenu. Zoba zizibatha nemigibe kuni, neziniya emacaleni enu, noviko emehlweni enu, nide nicinywe kulo mhlaba ulungileyo, aninikileyo uYehova uThixo wenu.

14. Namhla ndihamba ngendlela yoluntu lonke. Niyazi ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke, ukuba akuwanga phantsi nalinye ilizwi emazwini onke alungileyo, abewathethile uYehova uThixo wenu ngani; onke enzekile kuni; akuwanga phantsi nalinye ilizwi kuwo.

15. Kothi, njengoko lenzekayo kuni lonke ilizwi elilungileyo, abelithethile uYehova uThixo wenu kuni, enjenjalo ukulenza kuni lonke ilizwi elibi, ade anitshabalalise kulo mhlaba ulungileyo, aninikileyo uYehova uThixo wenu.

16. Ekuwugqitheni umnqophiso kaYehova uThixo wenu, aniwisele wona, naya nakhonza thixo bambi, nabanqula, wóvutha umsindo kaYehova kuni, nicinywe kamsinya emhlabeni olungileyo aninikileyo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 23