Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 22:7-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. UMoses ebesinikile ilifa isiqingatha sesizwe sakwaManase eBhashan; esinye isiqingatha saso uYoshuwa wasinika kunye nabazalwana baso nganeno kweYordan, ngasentshonalanga. Kananjalo xenikweni uYoshuwa wasindululela ezintenteni zaso, wasisikelela naso.

8. Wathi kuso, Buyelani ezintenteni zenu, ninobutyebi obukhulu, ninengqwebo eninzi kunene, nesilivere, negolide, nobhedu, nesinyiti, neengubo ezininzi kunene. Yabelanani nabazalwana benu ngamaxhoba eentshaba zenu.

9. Babuya ke oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase, besuka koonyana bakaSirayeli eShilo esezweni lakwaKanan, ukuba baye ezweni laseGiliyadi, ezweni lelifa labo, ababelizuzile ngokomlomo kaYehova ngesandla sikaMoses.

10. Bafika emimandleni yaseYordan, esezweni lakwaKanan.Oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase bákha khona isibingelelo ngaseYordan, isibingelelo esikhulu, esibonakalayo.

11. Beva ke oonyana bakaSirayeli, kusithiwa, Yabonani, oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, bakhé isibingelelo malunga nelizwe lakwaKanan, emimandleni yaseYordan, ngecala elingaphesheya koonyana bakaSirayeli.

12. Beva ke oonyana bakaSirayeli, balibizela ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli eShilo, ukuba kunyukwe kuyiwe kubo, kuliwe nabo.

13. Oonyana bakaSirayeli bathuma uPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase,

14. elizweni laseGiliyadi, enezikhulu ezilishumi, sasinye isikhulu, sasinye isikhulu endlwini yooyise ezizweni zonke zakwaSirayeli, zingamadoda aziintloko zezindlu zooyise emawakeni akwaSirayeli.

15. Baya ke koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, ezweni laseGiliyadi; bathetha kubo, besithi,

16. Litsho lonke ibandla likaYehova, ukuthi, Bubumenemene buni na obu nimeneza ngabo kuThixo kaSirayeli, nibuya nje namhla ekumlandeleni uYehova, ngokuzakhela isibingelelo, ukuba nigwilike kuYehova namhla?

17. Yinto encinane na kuthi ubugwenxa bukaPehore, esingekazihlambululi kubo unanamhla, saza isibetho saba sebandleni likaYehova,

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 22