Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 21:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi ngeqashiso loo mizi namadlelo ayo, njengoko uYehova wawisayo umthetho ngesandla sikaMoses.

9. Babanika esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, yona le mizi ibizwa ngegama layo;

10. yaba yeyoonyana baka-Aron emizalwaneni yamaKehati, koonyana bakaLevi; ngokuba laba lelabo iqashiso lokuqala.

11. Babanika umzi ka-Arbha, uyise ka-Anaki (ngowaseHebron ke lowo), ezintabeni zakwaYuda, namadlelo ayo ngeenxa zonke.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 21