Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 19:10-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Lavela iqashiso lesithathu noonyana bakaZebhulon, ngokwemizalwane yabo.

11. Umda welifa labo wesa eSaridi, wenyuka umda wabo wasinga entshonalanga, wesa eMarala, wafikelela eDabhesheti, wahlangana nomlanjana okhangelene neYokeneham;

12. wabuya eSaridi, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya emdeni weKiseloti-tabhore, waphuma waya eDabherati, wenyuka waya eYafiya.

13. Wegqitha khona, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya eGati-hefere, e-Eti-katsin; waphuma waya eRimon, ehlaba iye eNeha.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 19