Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 14:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ngokuba oonyana bakaYosefu babezizizwe ezibini, uManase noEfrayim; ke abaLevi ababanikanga sabelo ezweni elo, babanika kuphela imizi yokuhlala, namadlelo ayo emfuyo yabo nempahla yabo.

5. Njengoko uYehova wamwiselayo uMoses umthetho, benjenjalo oonyana bakaSirayeli, balaba ilizwe.

6. Basondela oonyana bakaYuda kuYoshuwa eGiligali. Wathi uKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, kuye, Ùyalazi wena ilizwi awalithethayo uYehova kuMoses umntu kaThixo, ngenxa yam nangenxa yakho, eKadeshe-bharneha.

7. Ndandiminyaka imashumi mané ndizelwe, ekususweni kwam nguMoses umkhonzi kaYehova, eKadeshe-bharneha, ukuba ndiye kulihlola ilizwe; ndambuyisela ilizwi njengoko bekusentliziyweni yam.

8. Abazalwana bam, abanyukáyo nam, bayinyibilikisa intliziyo yabantu; ke mna ndakuzalisa ukumlandela uYehova uThixo wam.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 14