Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 13:21-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. nobukumkani bonke bukaSihon ukumkani wama-Amori, obephethe ubukumkani eHeshbhon, owabulawayo nguMoses kunye nezikhulu zakwaMidiyan: ooEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, iinkosana zikaSihon ezihleli kwelo zwe.

22. NoBhileham unyana kaBhehore, itola, bambulala oonyana bakaSirayeli ngekrele, phakathi kwabahlatyiweyo ngabo.

23. Umda woonyana bakaRubhen waba yiYordan nommandla wayo. Lilo elo ilifa loonyana bakaRubhen ngokwemizalwane yabo, imizi yabo nemizana yabo.

24. UMoses isizwe sakwaGadi, oonyana bakaGadi, wabanika ilifa ngokwemizalwane yabo.

25. Umda wabo waba yiYazere, nemizi yonke yaseGiliyadi, nesiqingatha selizwe loonyana baka-Amon, wesa eArohere, ephambi kweRabha;

26. wathabathela eHeshbhon, wesa eRamatimitsepe, neBhetonim; wathabathela eMahanayim, wesa emdeni weLidebhiri; nasentilini:

27. iBhete-haram, neBhete-nimra, neSukoti, neTsafon, amasalela obukumkani bukaSihon ukumkani weHeshbhon, iYordan nommandla wayo, wesa ekupheleni kolwandle lwaseKinerete, phesheya kweYordan ngasempumalanga.

28. Lilo elo ilifa loonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo, imizi yabo, nemizana yabo.

29. UMoses wasinika ilifa isiqingatha sesizwe sakwaManase. Laba lelesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase ngokwemizalwane yabo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 13