Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 13:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uYoshuwa wayeseleyinoda enkulu, eselekhulile; wathi uYehova kuye, Wena useluyindoda enkulu, uselukhulile; ke ilizwe elisaseleyo lokuhluthwa liselininzi kunene.

2. Lilo eli ilizwe elisaseleyo: yonke imimandla yamaFilisti, neyamaGeshuri onke,

3. ithabathela eShihore ephambi kweYiputa, ise emdeni wase-Ekron ngasentla ebalelwa kwakumaKanan; eyezikhulu zozihlanu zamaFilisti: eyabaseGaza, neyabaseAshdode, neyabaseAshkelon, neyabaseGati, neyabase-Ekron, neyabaseAvi ngasezantsi;

4. lonke ilizwe lamaKanan, nomqolomba ongowamaTsidon, lise eAfeka, lise emdeni wama-Amori;

5. nelizwe lamaGebhali, neLebhanon yonke ngasempumalanga, lithabathela eBhahali-gadi phantsi kwentaba yeHermon, ude uye eHamati;

6. bonke abemi beentaba, kuthabathela eLebhanon kuse eMisrefoti-mayim, onke amaTsidon; endiya kubagqogqa phambi koonyana bakaSirayeli. Wòthi ke wena ulabele amaSirayeli ngeqashiso ukuba libe lilifa, njengoko ndakuwiselayo umthetho.

7. Ke ngoko lâbe eli lizwe libe lilifa kwizizwe ezisithoba, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase,

8. esilifa inxenye yaso salizuza kunye namaRubhen namaGadi, awawanikayo uMoses phesheya kweYordan ngasempumalanga, njengoko abemnikile uMoses umkhonzi kaYehova:

9. lithabathela eArohere, engasemlanjeni oyiArnon, nomzi ophakathi kwesihlambo eso, nehewu lonke laseMedebha, lise eDibhon;

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 13