Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 12:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngabo aba ookumkani belizwe, awababulaláyo uYoshuwa noonyana bakaSirayeli nganeno kweYordan ngasentshonalanga, ethabathela eBhahali-gadi entilini yeLebhanon, wesa ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyukayo ziye kwaSehire; uYoshuwa walinika izizwe zakwaSirayeli,

8. zema kulo ngokweentlantlu zazo, ezintabeni, nasezihlanjeni, naseArabha, nasemaxandekeni, nasentlango, nakwelasezantsi: amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi:

9. ngukumkani waseYeriko, emnye; ngukumkani waseAyi, engecala leBheteli, emnye;

10. ngukumkani waseYerusalem, emnye; ngukumkani waseHebron, emnye;

11. ngukumkani waseYarmuti, emnye; ngukumkani waseLakishe, emnye;

12. ngukumkani wase-Eglon, emnye; ngukumkani waseGezera, emnye;

13. ngukumkani waseDebhiri emnye; ngukumkani waseGedere, emnye;

14. ngukumkani waseHorma, emnye; ngukumkani waseArade, emnye;

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 12