kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Uluhlu lookumkani aboyiswayo

1. Ngabo ke aba ookumkani belizwe, ababulawáyo ngoonyana bakaSirayeli, balihlutha ilizwe labo phesheya kweYordan ngasempumalanga, bethabathela emlanjaneni oyiArnon, besa entabeni yeHermon, neArabha yonke ngasempumalanga:

2. nguSihon ukumkani wama-Amori, obehleli eHeshbhon, elawula ethabathela eArohere engasemlanjaneni oyiArnon, naphakathi kwesihlambo, nasesiqingatheni seGiliyadi, wesa emlanjaneni oyiYabhoki, engumda woonyana baka-Amon;

3. neArabha, wesa elwandle lwaseKidneroti ngasemumalanga, wesa elwandle lweArabha, uLwandle lweTyuwa ngasempumalanga, ngendlela yeBhete-yeshimoti; nasezantsi, phantsi kwamaxandeka asePisga.

4. Bahlutha necala likaOgi ukumkani waseBhashan, owayesele kumaRafa, obehleli eAshtaroti nase-Edreyi,

5. elawula entabeni yeHermon naseSaleka, nakwiBhashan yonke, wesa emdeni wamaGeshuri, namaMahakati, nesiqingatha seGiliyadi, umda kaSihon ukumkani waseHeshbhon.

6. UMoses, umkhonzi kaYehova, noonyana bakaSirayeli bababulala abo. UMoses, umkhonzi kaYehova, walinika lamiwa ngamaRubhen, nangamaGadi, nesiqingatha sesiwe sakwaManase.

7. Ngabo aba ookumkani belizwe, awababulaláyo uYoshuwa noonyana bakaSirayeli nganeno kweYordan ngasentshonalanga, ethabathela eBhahali-gadi entilini yeLebhanon, wesa ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyukayo ziye kwaSehire; uYoshuwa walinika izizwe zakwaSirayeli,

8. zema kulo ngokweentlantlu zazo, ezintabeni, nasezihlanjeni, naseArabha, nasemaxandekeni, nasentlango, nakwelasezantsi: amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi:

9. ngukumkani waseYeriko, emnye; ngukumkani waseAyi, engecala leBheteli, emnye;

10. ngukumkani waseYerusalem, emnye; ngukumkani waseHebron, emnye;

11. ngukumkani waseYarmuti, emnye; ngukumkani waseLakishe, emnye;

12. ngukumkani wase-Eglon, emnye; ngukumkani waseGezera, emnye;

13. ngukumkani waseDebhiri emnye; ngukumkani waseGedere, emnye;

14. ngukumkani waseHorma, emnye; ngukumkani waseArade, emnye;

15. ngukumkani waseLibhena, emnye; ngukumkani waseAdulam, emnye;

16. ngukumkani waseMakeda, emnye; ngukumkani waseBheteli, emnye;

17. ngukumkani waseTapuwa, emnye; ngukumkani waseHefere, emnye;

18. ngukumkani waseAfeki, emnye; ngukumkani waseLasharon, emnye;

19. ngukumkani waseMadon, emnye; ngukumkani waseHatsore, emnye;

20. ngukumkani waseShimron-merom, emnye; ngukumkani waseAkeshafi, emnye;

21. ngukumkani waseTahanaki, emnye; ngukumkani waseMegido, emnye;

22. ngukumkani waseKedeshe, emnye; ngukumkani waseYokeneham eKarmele, emnye;

23. ngukumkani waseDore ezindulini zeDore, emnye; ngukumkani wamaGoyi eGiligali, emnye;

24. ngukumkani waseTirtsa, emnye.Bonke ookumkani abo ngamashumi omathathu anamnye.