Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 6:7-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Eyona nto walayo ukuyiphatha umphefumlo wam,Leyo yeyona ikukudla kwam okukruqulayo.

8. Akwaba bendingazuza isicelo sam,UThixo andiphe endikulindelayo;

9. Kukhóleke kuThixo ukundityumza,Asivulele isandla sakhe, andinqumle!

10. Ibiya kuhlala ikho intuthuzelo yam;Bendiya kuxhina kwezo ntlungu zingacongiyo;Kuba andiwakhanyelanga amazwi oyiNgcwele.

11. Ayintoni na amandla am, ukuba ndingáde ndithembe?Siyintoni na isiphelo sam, ukuba ndingáde ndibe nokuzeka kade?

12. Ángamandla amatye na amandla am?Inyama yam ilubhedu na?

13. Ákuphelile yini na kum ukuncedakala,Ukuzimaseka kwabhejethwa kwakanye?

14. Akùhlaziswa oqotyiweyo ngummelwane wakhe,Uya kulahla ukumoyika uSomandla.

15. Abazalwana bam banginizile njengomlanjana,Njengomphantsi wemilanjana etshayo,

16. Emdaka ngumkhenkce,Elizifihla kuyo ikhephu.

17. Ekufikeni kokufudumala iyabhanga;Lakubalela ithi qoko, ingabikho ezindaweni zayo.

18. Iyajikajika imendo yokuhamba kwayo,Inyuka iye enyanyeni, idake.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 6