7. Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa,Beduma bonke oonyana bakaThixo?
8. Ngubani na owaluvingceláyo ulwandle ngeengcangoEkutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;
9. Ekulwambathiseni kwam ngamafu,Ekulusongeleni ngesithokothoko;
10. Ndakùlusikelela umda wam,Ndakùmisa imivalo neengcango;
11. Ndathi, Fika apha, ungegqithi;Eme apha amaza akho akratshayo?
12. Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa,Wasazisa isifingo indawo yaso;
13. Ukuba sibambe amasondo ehlabathi,Bavuthulùlwe kulo abangendawo?
14. Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina,Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;