Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 38:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo?Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo,

7. Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa,Beduma bonke oonyana bakaThixo?

8. Ngubani na owaluvingceláyo ulwandle ngeengcangoEkutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;

9. Ekulwambathiseni kwam ngamafu,Ekulusongeleni ngesithokothoko;

10. Ndakùlusikelela umda wam,Ndakùmisa imivalo neengcango;

11. Ndathi, Fika apha, ungegqithi;Eme apha amaza akho akratshayo?

12. Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa,Wasazisa isifingo indawo yaso;

13. Ukuba sibambe amasondo ehlabathi,Bavuthulùlwe kulo abangendawo?

14. Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina,Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;

15. Abangendawo bavínjwe ukukhanya kwabo,Nengalo ephakamileyo yaphulwe.

16. Ùye wafika na emithonjeni yolwandle?Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?

17. Ùwatyhilelwe na amasango okufa?Namasango ethunzi lokufa wawabona?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 38