Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 38:24-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya?Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?

25. Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;

26. Ukuba ine ezweni elingenamntu,Entlango, apho kungekho mntu;

27. Ihluthise intshabalala yakwantshabalala,Intshulise uhlaza oluphumayo?

28. Inoyise na imvula?Ngubani na ozala amathontsi ombethe?

29. Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na?Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?

30. Amanzi ayaqina njengelitye,Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene.

31. Ùnokuwabopha na amaqhina esiLimela,Uzicombulule izintya zamaKroza?

32. Ùnokuyivelisa na imilindo yeenyanga ngexesha layo,Uzalathise iinkwenkwezi zeBhere* nabantwana bayo?

33. Ùyayazi na imimiselo yezulu?Umise ulawulo lwalo ehlabathini?

34. Ùnokuliphakamisela emafini na izwi lakho,Ukuze ubuninzi bamanzi bukugubungele?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 38