Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 38:21-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ùyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe okoLilikhulu nenani lemihla yakho!

22. Ùfikelele na ebuncwaneni bekhephu?Ubuncwane besichotho wabubona,

23. Endabuqwebela ixesha lembandezelo,Imini yokudibana nemfazwe?

24. Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya?Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?

25. Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;

26. Ukuba ine ezweni elingenamntu,Entlango, apho kungekho mntu;

27. Ihluthise intshabalala yakwantshabalala,Intshulise uhlaza oluphumayo?

28. Inoyise na imvula?Ngubani na ozala amathontsi ombethe?

29. Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na?Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?

30. Amanzi ayaqina njengelitye,Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene.

31. Ùnokuwabopha na amaqhina esiLimela,Uzicombulule izintya zamaKroza?

32. Ùnokuyivelisa na imilindo yeenyanga ngexesha layo,Uzalathise iinkwenkwezi zeBhere* nabantwana bayo?

33. Ùyayazi na imimiselo yezulu?Umise ulawulo lwalo ehlabathini?

34. Ùnokuliphakamisela emafini na izwi lakho,Ukuze ubuninzi bamanzi bukugubungele?

35. Ùnokuyithuma na imibane, ihambe ithi kuwe, Sikho?

36. Ngubani na omise ubulumko ezintsweni?Ngubani na onike imboniseli ingqondo?

37. Ngubani na obala iingqimba zamafu ngobulumko?Ngubani na othulula iintsuba zezulu.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 38