Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 38:1-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,

2. Ngubani na lo usitha iceboNgokuthetha okungenakwazi?

3. Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho,Ndikubuze, undazise.

4. Ùbuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi?Xela, ukuba ùyazi, ùyaqonda.

5. Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi?Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa?

6. Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo?Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo,

7. Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa,Beduma bonke oonyana bakaThixo?

8. Ngubani na owaluvingceláyo ulwandle ngeengcangoEkutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;

9. Ekulwambathiseni kwam ngamafu,Ekulusongeleni ngesithokothoko;

10. Ndakùlusikelela umda wam,Ndakùmisa imivalo neengcango;

11. Ndathi, Fika apha, ungegqithi;Eme apha amaza akho akratshayo?

12. Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa,Wasazisa isifingo indawo yaso;

13. Ukuba sibambe amasondo ehlabathi,Bavuthulùlwe kulo abangendawo?

14. Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina,Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;

15. Abangendawo bavínjwe ukukhanya kwabo,Nengalo ephakamileyo yaphulwe.

16. Ùye wafika na emithonjeni yolwandle?Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 38