Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 37:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Emva kwawo kubhonga ilizwi;Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe;Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.

5. UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo,Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.

6. Kuba úthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni;Nakwisiphango semvula,Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.

7. Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele,Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.

8. Amarhamncwa angena emlaleleni,Ahlale ezikhundleni zawo.

9. Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi;Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.

10. Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce,Ububanzi bamanzi bucutheke.

11. Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi;Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.

12. Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye,Ukuze enze konke awawamisela khonaEbusweni behlabathi elimiweyo;

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 37