Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 37:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ùyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe,Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?

16. Ùyazi na ukulinganiselwa kwamafu,Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?

17. Wena ungubo zifudumeleyo,Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;

18. Ùsikhánda usolule naye na isibhakabhaka,Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?

19. Sázise esingákuthethayo thina kuye;Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.

20. Wóbikelwa na ukuthi ndiyathetha?Umntu uthi makaginywe na?

21. Ke ngoku àkubonwa kukhanyaKukhazimlayo, kusesibhakabhakeni;Kudlula umoya, lise.

22. Entla kuziwa negolide;Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.

23. USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla;Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.

24. Ngako oko bayamoyika abantu;Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 37