1. Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam,Ixhume endaweni yayo.
2. Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe,Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.
3. Úkusingisa ngaphantsi kwezulu lonke,Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.
4. Emva kwawo kubhonga ilizwi;Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe;Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.
5. UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo,Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.
6. Kuba úthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni;Nakwisiphango semvula,Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.
7. Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele,Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.
8. Amarhamncwa angena emlaleleni,Ahlale ezikhundleni zawo.
9. Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi;Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.
10. Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce,Ububanzi bamanzi bucutheke.