11. Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo;OkunoSomandla andiyi kukukhanyela.
12. Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile;Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?
13. Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo,Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelàyo kuSomandla.
14. Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele;Nabaphume embilinini wakhe àbahluthi kukutya.
15. Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa,Abahlolokazi bakhe bangalili.