7. Hayi, ngoku úndidinisile;Ùliphanzisile lonke ibandla lam.
8. Ùndintshwenyisile, kwaba lingqina oko;Kwandimela ukubhitya kwam,Kwaphendula ebusweni bam.
9. Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa;Úditshixizele amenyo akhe;Engumbandezeli wam, uwenzé abukhali amehlo akhe kum.
10. Bandakhaméle umlomo;Ngengcikivo bandibetha ezidleleni;Bonke bayathelelana ukundichasa.
11. UThixo wandinikela kumakhwenkwe,Wandijulela ezandleni zabangendawo.
12. Ndibi ndichulumacha, wándivithavitha,Wandibamba ngentamo, wandihlekeza,Wandimisa ndaba yitekeni* kuye.
13. Bandirhawula abatoli bakhe,Wazityanda izintso zam, engenalufefe,Wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.
14. Wandenza iinduma ngeenduma,Wandigila njengegorha.
15. Ndathungela iingubo ezirhwexayo enkwaneni yolùsu lwam,Ndalugquba ngothuli uphondo lwam.