Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 16:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphendula uYobhi, wathi,

2. Ndivé izinto ezininzi ezinjengezo;Ningabathuthuzeli abayindinisa, nonke niphela.

3. Aphelile na amazwi angumoya?Ùxhokonxwa yintoni na, ukuba uphendule?

4. Nam ndibe ndingathethayo njengani.Ukuba umphefumlo wenu ubusendaweni yomphefumlo wam.Ndibe ndinganiqukela ukuthetha,Ndinihlunguzele intloko;

5. Ndibe ndinganikhaliphisa ngomlomo wam,Nokukhuza komlomo wam kulunqande usizi lwenu.

6. Nokuba ndithe ndathetha, àwunqandwa umvandedwa wam;Nokuba ndithe ndayeka, kumka ntoni na kum?

7. Hayi, ngoku úndidinisile;Ùliphanzisile lonke ibandla lam.

8. Ùndintshwenyisile, kwaba lingqina oko;Kwandimela ukubhitya kwam,Kwaphendula ebusweni bam.

9. Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa;Úditshixizele amenyo akhe;Engumbandezeli wam, uwenzé abukhali amehlo akhe kum.

10. Bandakhaméle umlomo;Ngengcikivo bandibetha ezidleleni;Bonke bayathelelana ukundichasa.

11. UThixo wandinikela kumakhwenkwe,Wandijulela ezandleni zabangendawo.

12. Ndibi ndichulumacha, wándivithavitha,Wandibamba ngentamo, wandihlekeza,Wandimisa ndaba yitekeni* kuye.

13. Bandirhawula abatoli bakhe,Wazityanda izintso zam, engenalufefe,Wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.

14. Wandenza iinduma ngeenduma,Wandigila njengegorha.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 16