Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 10:2-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ndíthi kuThixo, Musa ukundigweba;Ndazíse ukuba ubambene nam ngani na?

3. Kulungile na kuwe ukuba ucudise,Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho,Ulibengezelele iqhinga labangendawo?

4. Ùnamehlo enyama na?Ùbona ngokubona komntu na?

5. Injengemihla yomntu na imihla yakho,Iminyaka yakho injengemihla yomfo na;

6. Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam,Usingxoke isono sam,

7. Usazi nje ukuba andingongendawo,Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?

8. Izandla zakho zindiyilile, zandenzaNdonke, ngeenxa zonke; ùyandiginya noko.

9. Khawukhumbule, ukuba undenzé ngokodongwe;Ke undibuyisa undise eluthulini!

10. Akundithululanga na njengamasi,Wandivuthisa njengengqaka?

11. Wandambesa ngolùsu nenyama,Wandiphingela ngamathambo nemisipha.

12. Ùndenzele ubomi nenceba,Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.

13. Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho;Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi:

14. Ukuba ndithe ndona, wòndibamba undilinde,Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.

15. Ukuba ndithe ndaba ngongendawo, athi ke mna!Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingàyiphakamisi intloko yam:Ndihlúthi kukucukucezwa,Nakukubona iintsizi zam.

16. Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wòndizingela njengengonyama,Úbuye wenze ngokubalulekileyo kum;

17. Úhlaziye amangqina akho phambi kwam;Úyandise ingqumbo yakho kum,Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum.

18. Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni?Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 10