18. Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni?Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,
19. Ndanga andibangakho,Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni.
20. Àyimbalwa na imihla yam? Makayeke,Adede kum, ndikhe ndincumeze kancinane,
21. Phambi kokuba ndihambe, ndingabi sabuya,Ndiye ezweni lobumnyama nelethunzi lokufa,