Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 50:25-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. UYehova uyivulile indlu yezixhobo zakhe, wazikhupha iimpahla zokubhavuma kwakhe; ngokuba inomsebenzi iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lamaKaledi.

26. Yizani kulo, nivale ngeenxa zonke; vulani amaqonga alo; lifumbeni ngokwezidimbilili, nilisingele phantsi, kungasali nento kulo.

27. Hlabani zonke iinkunzi zalo ezintsha zeenkomo; mazithotyelwe ekuxhelweni. Yeha ke bona! Ngokuba iyeza imini yabo, ixesha lokuvelelwa kwabo.

28. Phulaphulani! Nabó abasabàyo, abasindàyo ezweni laseBhabheli, ukuba baxele eZiyon impindezelo kaYehova uThixo wethu, impindezelo yetempile yakhe.

29. Bahlabeleni umkhosi abatoli, beze eBhabheli, bonke abatyedi besaphetha; yingqingeni ngeenxa zonke. Makungabikho usindayo; yivuzeni ngokomsebenzi wayo; ngako konke eyakwenzayo, yenzani ngako kuyo; ngokuba ikhukhumele kuYehova, koyiNgcwele kaSirayeli.

30. Ngako oko aya kuwa ezitratweni zayo amadodana ayo, athi shwaka ngaloo mini onke amadoda ayo okulwa; utsho uYehova.

31. Yabona, ndikuchasile, wena ukhukhumeleyo, itsho iNkosi uYehova wemikhosi; ngokuba ifikile imini yakho, ixesha lokukuvelela kwam.

32. Wókhubeka okhukhumeleyo, awe, kungabikho umvusayo; ndiphèmbe umlilo emizini yakhe, utshe ngeenxa zonke kuye.

33. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Babecudiswa oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda kunye; bonke ababathimbáyo bayagcinisa ukubabamba, àbavumi ukubandulula.

34. UMkhululi wabo obamiselayo womelele, ugama lakhe linguYehova wemikhosi; uya kubambana abambane nobambana nabo, ukuze aliphumze ihlabathi, agungqise abemi baseBhabheli.

35. Ikrele maliwafikele amaKaledi, nabemi baseBhabheli, nabathetheli bayo, nezilumko zayo; utsho uYehova.

36. Ikrele malibafikele abaphololozi bento engeyiyo, babe zizimathane; ikrele maliwafikele amagorha, aqhiphuke umbilini.

37. Ikrele maliwafikele amahashe ayo, neenqwelo zayo zokulwa, nomxukuxela wonke ophakathi kwayo, babe ngabafazi; ikrele malibufikele ubuncwane bayo, ukuba buphangwe.

38. Ukubálela makuwafikele amanzi ayo, ukuba atshe.Ngokuba lilizwe lemifanekiso eqingqiweyo; bazigezisé ngezinto ezothusayo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 50